ISEBE LEZEMPILO
INombolo R... 2006
UMTHETHO WABASEBENZI BEMPILO BEMVELI
UMMISELO ONXULUMENE NOKUQESHWA NGUMPHATHISWA KWAMALUNGU EBHUNGA LEXESHANA LOMZANTSI AFRIKA LABASEBENZI BEMPILO BEMVELI
UMphathiswa wezempilo, ngokwemigqaliselo yecandelo lesi-7 lomThetho wabaSebenzi beMpilo beMveli, 2004 (umThetho oyiNombolo yama-35 ka2004) (Traditional Health Practitioners Act), 2004, ufundwa necandelo le-14 lomThetho wokuTolika, 1957 (umThetho oyiNombolo yama-33 ka-1957) uye wenza imimiselo equlethwe kwiShedyuli.
ISHEDYULI
Iinkcazelo
Kule mimiselo, naliphi na igama okanye intetho intsingiselo enikwe yona kulo mThetho iya kuba nentsingiselo enikwe yona kwaye, ngaphandle kokuba umxholo ukhombisa ngenye indlela-
ibhunga" lithetha iBhunga leXeshana loMzantsi Afrika labaSebenzi beMpilo beMveli elisekwe ngokwemigqaliselo yecandelo lomThetho;
umThetho"uthetha umThetho wabaSebenzi beMpilo beMveli, 2004 (umThetho oyiNombolo yama-35 ka2004); kwaye abasebenzi bempilo bemveli" kuthetha umntu okwangoku kwezemplilo onyanga ngokwemveli njengoko kuchaziwe kumThetho.
iNkqubo yeNgqesho
Ngenjongo yokuqeshwa kwamalungu ecamngcwe kwimihlathi c, e, h noi becandelo lesi-7 lomThetho, uMphathiswa ngesaziso kwiPhepha lasebuRhulumenteni kunye nangopapasho olufakwe okungenani kumaphepha ndaba amabini ajikeleza kwisizwe kunye nakummandla ameme unyulo lwabantu abanokuthathelwa ingqalelo ukuba baqeshwe kwiBhunga.
ISaziso esicamngcwe kummiselwana 2 kufuneka sixele iimfuneko zokuthathelwa ingqalelo ukuba uqeshwe njengelungu kunye nexesha apho uMphathiswa makafumane unyulo olunjalo.
a candelo lesi-7c lomThetho kufuneka lungeniswe kwiLungu leBhunga eliLawulayo eyiyimfanelo yalo ezempilo kwiphondo apho asebenza khona kakhulu umsebenzi wempilo wemveli; kwaye b imihlathi e, h, no-i yecandelo lesi-7 lomThetho kufuneka ingeniswe kuMphathiswa.
Ulonyulo malungeniswe ngendlela ekhonjisiweyo kwisiHlomelo sale Mimiselo.
IBhunga lamaGcisa eMpilo loMzantsi Afrika kunye neBhunga leeKhemesti loMzantsi Afrika kufuneka bangenise abantu ababanyulileyo ukuba bathathelwe ingqalelo ukuba baqeshwe kwiBhunga ngokwemigqaliselo yecandelo lesi-7f no-g, ngokulandelelana, lomThetho, kwiintsuku ezingama-30 zomhla wesicelo esibhaliwe nguMphathiswa.
ILungu leBhunga eliLawulayo eyiyimfanelo yalo ezempilo kwiphondo kufuneka lingenise amagama amathathu abasebenzi bempilo bemveli abanokuthathelwa ingqalelo yokuba baqeshwe nguMphathiswa ngokwemigqaliselo yecandelo lesi-7 c lomThetho.
Ukuba ngaba uMphathiswa akafumani lonyulo kwicandelo elithile, okanye inani elingonelanga lolonyulo kwixesha elibaluliweyo kwisimemo, uMphathiswa unokuqesha inani labantu elifunekayo abafanelekileyo ukuba baqeshwe ngokwemigqaliselo yecandelo lesi-7i lomThetho, okanye acele ulonyulo olungaphaya elucelela injongo enjalo.
Umntu ogama lakhe lingenisiweyo ngokwemigqaliselo yommiselwana 5 ukuba aqeshwe ngokwemigqaliselo yecandelo lesi-7i lomThetho, kufuneka ukuba abe ebesebenza kwelo candelo ixesha elingekho ngaphantsi kweminyaka emihlanu ephambi kwengqesho ecingwayo njengelungu.
UMphathiswa kufuneka apapashe kwiPhepha lasebuRhulumenteni amagama amalungu aqeshwe kwibhunga kunye nomhla wokuqala kwexesha labo kunye nexesha lokubamba i-ofisi.
UMPHATHISWA WEZEMPILO
ISIHLOMELO A
Amagama apheleleyo omsebenzi wempilo wemveli
INombolo yeSAZISI
iDilesi yokuHlala iDilesi yePosi (ukuba ngaba yohlukile kunengasentla)
iPhondo apho umsebenzi asebenza khona kakhulu phawula elilodwa uze uxele idolophu/idolophu enkulu/isixeko
MPUMALANGA
MNTLA-KOLONI
MNTLA-NTSHONA
NTSHONA-KOLONI
uMmandla ongundoqo wokusebenza phawula owodwa ngo-X
Isanuse
Ixhwele
Umbelekisi wesintu
Igqirha
INani leminyaka umntu esebenza kunye nendawo asebenza kuyo
Ndibhengeza ukuba ndizimisele ukwamkela unyulo olukhankanywe ngasentla kwaye ndifumaneke ukuba ndisebenze kwiBhunga leXeshana labaSebenzi beMpilo beMveli ukuba ngaba uMphathiswa unokugqiba ekubeni andiqeshe kwesi sikhundla.
uSayino okanye uphawu lomSebenzi weMpilo weMveli uMhla okhankanywe kwinqaku loku-1 ngasentla
Mna,... amagama apheleleyo omntu owonyulayo kunye nomsebenzi awenzayo ndibhengeza ukuba ulwazi olunikwe ngasentla luchanekile, kwaye ndiyaqonda ukuba uMphathiswa unokusebenzisa ingqiqo yakhe ukuqesha iBhunga leXeshana leMpilo leMveli uSayino okanye uphawu lomntu owonyulayo uMhla
Ndonyula lomsebenzi ukhankanywe ngasentla ukuba asebenze kwiBhunga leXeshana labaSebenzi beMpilo beMveli.
